


UNGCELELE LWESONDO
wayengumntu wumbi. Wayezolile efusizi, isa ndla sakhe sigcagcazela xa ethatha iglasi yamanzi. Wayenegumbi ehotele elalilincinane yaye lilibi.
UPinky uneminyaka elishumi nethoba, kodwa ungathi uneminyaka engamashumi amath-athu. Uthe masi hlale kwibhecli yakhe ebeyendlelwe ingubo epinki. Nali ibali lakhe:
Ndazalelwa ngakwaHlabisa emntla wakwaZulu-Natal.
Abazali bam basweleka ngo-1 978 ndisemnci-nane. Andibakhumbuli nokuba babenjani. Ndikhule ndihlala nomakhulu notato








UPinky
UPinky unemilenze emide nomzimba omkhulu wembaleki. Wayefanele abe yimodeli. Xa sasiqala ukudibana naye wayenxilile yaye engathi akakhathazwa nto ngenxa yomsebenzi awenzayo. Sathi sakumchazela ukuba sifuna ukudlan indlebe naye wavuma ukuba sibonane ngemini elandelayo.
Ngemini elandelayo
mkhulu.
Ndaqala eli shishini emva kokuba umakhulu engayifumani imali kadanki.
Sasingenakutya.
Ndabona umhlobo wam enxiba impahla entle. Ndambuza ukuba uzifu-mana njani, waza wandixelela ukuba uthengisa ngomzimba wakhe.
Wandithatha umhlobo wam saya eJohannesburg. Wayewuthengisa khona, waza wandibonisa lo msebenzi. Ndandineshumi nesithandathu leminyaka ngoko yaye sasihlala kwihotele eseHillbrow. Ndaxelela umakhulu ukuba ndifumene umsebenzi eJohannesburg. Wayengazi nto ngobu bomi. Ekuqaleni kwakumnandi kuba ndandifu-
mana imali ndiyithumele kumakhulu ukuze athenge ukutya.
Maxa wambi ndandifumana amadoda amahle, maxa wambi kufike akhohlakeleyo. Amanye afika afune isondo kuwe emva koko angafuni kuhlawula. Maxa wambi ayakuphanga. Maxa wambi ayakuthatha ahambe nawe aze akushiye ehlathini, maxa wambi uzame ukuzithoba.
UPinky usixelele indlela ubomi obunzima ngayo xa ungunongogo. Eyona nto imbi kakhulu kukuba kule mihla kukho igongqongqo yeAIDS nezifo ezisulelwa ngesondo.
Onke amantombazana ayazi ngeekhondom. Maxa wambi ndiba nengxaki namadoda angafuniyo ukusebenzisa iikhondom. Andiyifuni mna kuba xa ungasebenzisi ikhondom unokusulelwa sisifo. Xa indoda ingafuni ukusebenzisa ikhondom, ndiyayigxotha.
UPinky uthi aman-tombazana amaninzi aba ngoonongogo kuba efuna imali. Nangonba esenokuba abaleke emakhaya okanye anezinye iingxaki, bawenza lo msebenzi kuba efuna ukufumana imali yokuziphilisa.
Ndiye ndibona aman-tombazana aselula ndize ndibe lusizi ngawo. Ndiye ndizibuze ukuba Yintoni le yenzekayo? Andazi nto ngamantombazana aselula kuba andinabo abahlobo abaselula... abahlobo bam badala.
Kwiveki izinto ezihamba kakuhle kuyo ndiyalifumana iwaka leerandi nangaphezulu xa bebaninzi abaxumi. Kodwa





nza ngobomi bakhe uPinky. Ndinexesha elide ndisenza
lo msebenzi, kodwa ngoku andiwuthandi. Xa ndilele ne ndoda akukho bumnandi ndibu-
vayo. Ndikwenza nje kuba kungumsebenzi. Ingxaki yam kukuba ndifuna imali yokwakha indlu entle. ..mhlawumbi ndingaqala ukuthengisa enye into... ndiqala ukucinga ngolo hlobo ngoku.
Ndithethe nomhlobo wam ongumcoci ehotele. Uthe uza kundifunela umsebenzi. Andizufumana imali elinganayo nebendiyifumana apha, kodwa andikhathali. Ndidiniwe bobu bomi.

Ukwenza isigqibo Ekuqaleni sicinge ukuba
uPinky uyintombazana eyomeleleyo. Besicinga ukuba unako ukumelana nabo bonke ubunzima aphila nabo. Kodwa sithe sakuthetha naye, safumana ukuba unovelwano. Sifumene ukuba uyenye intombazana eyoyikayo kodwa uzama ukuziphilisa.
Sonke siyabagxibha abantu abathengisa ngemizimba. UPinky wayefanele akhathalele usapho lwakowabo, ofuna ukuthandwa nokuhlonelwa njengomntu wonke. Nomntu oneminqweno.
Kumantombazana namakhwenkwe acinga ngokuthengisa imizimba, cingani ngobomi bukaPinky, cinga ngezinto azitshoyo. Xa uzama ukufumana iindlela zokuphila, zama zonke ezinye iindlela kuqala.
Kubazali, kubalulekile ukuba ubonise uthando kubantwana ngoku akukho baxumi.bakho, kuba oonongogo
	Kunzima ukufumana imali.abancinane babaleka
	Kufuneka uthenge ukutya,emakhayeni abo kuba bezibona
	uhlawule nerenti bengathandwa.
	 Ngaba yintoni afuna ukuye	

Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper




UMTHETHO
Wonk umntu eMzantsi-Afrika uzama ukwakha ilizwe elixube iintlanga elingakhethani ngokwebala nangokwesithethe. Abantu abaneembono ezahlukeneyo kwipolitiki baneembono ezahlukeneyo ngokuba kumele kwenziwe njani. Enye yezinto ekufuneka siyifunde kukunyamezelana nokuphulaphula iimbono zabanye abantu. Oko
kuya kusinceda sibe lilizwe elomeleleyo.

Phambiii nokunyamezelana!
Bekunganyamezelwana kwixesha elingaphambili
Ngexesha localucalulo eMzantsi-Afrika, abantu babethanda ukusebenzisa udushe xa bengevani
ingakumbi xa bengevani ngezinto zepolitiki. Urhulumente weNational Party wawuvalele abaza-balazi abaninzi abanye ubabulele. Yonke imibutho yepolitiki eyayineembono ezahlu keneyo ngokuthi uMzantsi-Afrika ufanele uguquke kanjani babesebenzisa udushe nokoyikisa ukuze bafumane abakufunayo.
Ngoku sinelizwe elixube iintlanga yaye abantu bazama ukutshintsha indlela izinto ebezisenziwa





UMTHETHO
Ukunyamezelana kukuba nomonde nokubaqonda abanye abantu. Ukunyamezelana kwipolitiki kuthetha ukungakhathazeki xa abantu beneembono ezahlukileyo kwezakho. Nokuba uzibona iimbono zomnye umntu zin-galunganga, ut ungagxuphuleki kwabakutshoyo okanye abakwenzayo
ngayo. Bonke abantu beli kufuneka baqinisekise ukuba zisonjululwa ngezinye iindlela iingxaki. Kufuneka bakuyenze uku nganyamezelani kwezepolitiki. Ukunyamezela omnye umntu kukuba nomonde nokuqonda abanye abantu. Ukunyamezelana kwipotitiki kuthetha ukungabi namsebenzi nokuba abanye abantu beneembono ezingafaniyo nezakho. Nkqu nokuba ucinga ukuba iimbono zabo azifanelekanga, awungeneleli kwabakutshoyo nabakwenzayo.

Ukunyamezelana kwipolitiki nokuthetha ukhululekile.

Esinye sezizathu zokuba singakwazi ukunyamezela iimbono zabanye abantu kukuba asiqhelanga ukuva ezinye iimbono. Abantu babengathethi ngokukhu-luleka ekuqaleni. Oko kwakuse nza singeva okanye sifunde ngeembono ezahlukeneyo ku mabonakude, kwiphepha-ndaba nakunomathotholo.
Ngoku utshintshile umthetho eMzantsi-Afrika. Umthetho uyabavumela abantu ukuba bathethe abakuthandayo. Okungavunyelwayo kukuba uthetha into eva kuchukumisa
elinye iqela lepolitiki okanye uqhwaye uchuku.
Lo mthetho wenza ku nyamezelwane kwipolitiki, kuba xa uveza iimbono zakho oko kuthetha ukuba abantu baya kuva iimbono ezahlukeneyo. Sebekuqhela abantu ukuva iimbono ezahlukeneyo. Oku kusiseko esihle sokunyamezeIana kwipolitiki.
Le mithetho iluncedo ekuso mbululeni ingxaki yoku nganyamezelani. Kodwa kusafuneka sifunde Iukhulu kweli lizwe Iethu.

lmisebenzi

Kufuneka sizibuze ukuba Thina sizinyamezela ka ngakanani iimbono zabanye abantu? Le misebenzi ingezantsi inokukwenza ucinge.

Ugonyamelo

lwabamhlophe!

lqela lepolitiki elitsha ekuthiwa yiFront for White Supremacy (FWS, isekiwe eMzantsi-Afrika. Injongo yalo kukuqinisekisa ukuba kunyulwa abantu abamhlophe kuphela. Benza ungcelele kulo lonke eli, bevala iindlela zezithuthi ezixekweni, bevata neendlela ezingena kwimizi-mveliso. Oko kwenza
ilizwe lilahlekelwe zizigidi zeerandi.
Abanye abantu bakholwa kukuba urhulumente  anele ayivale iFWS. Bazimisele ukuyipheIisa ngokulwa nayo iFWS.
Abanye bathi kufanele kuthethwe neli qela kuba lisenza ungcelele loxolo. Abanye basathi bafanale bangahoywa kuba ababalulekanga.

imibuzo

a) Ucinga ukuba kufanele kuthiweni ngongcelele lweFWS? lfanele ivunyelwe iqhubeke nalo? Ngaba bafanele ukwenza ungcelele ngomba ocekeceke ngolu hlobo? Thetha ngoku nabahlobo bakho.
b) Kwenziwa impikiswano phakathi kweFWS, uMphathiswa wamapolisa, iqela lepolitiki labaNtsundu nejaji lenkundla ephakamileyo.
Fumana iqela labantu abane. Umntu ngamnye adlale indawo yomntu othile kwimpikiswano kamabonakude. Zama ukuzenza loo mntu uze ubeke izimvo zakhe. Xa ungabafumani abantu abane, tshintshana nomhlobo wakho ngokuba nidlale iindawo



12 BONA XHOSA - Aprit 1997

	Esi sihlomeio sibhalwe kwiMondi Rotogloss 55 gm2

	Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

